UTendai Fudo uhlala emanzini.
Umhlobo omkhulu kaTendai nguMvundla uBusi. Yena uhlala emthini.
UMakhulu ufudo ulimaze iqokobhe lakhe.
“Kufuneka siyokunceda uMakhulu,” utsho uMama.
“Yiza uzokuhlala nam,” utsho uBusi.
UTendai uhlala noMvundla uBusi emthini.
Badlala imini yonke.
Balala ubusuku bonke.
UMama noTata babuya noMakhulu
“Unjani, Makhulu?”
uyabuza uTendai.
“Ndingcono ngoku,”
utsho uMakhulu encumile.
“Sililungisile iqokobhe lakhe,” uyaphendula uMama.
UMakhulu unika uTendai ifleyiti yakhe ayithanda kakhulu.
UTendai udlala ifleyiti aze wonke umntu adanise.
come stay with me
Yiza ukuzokuhlala nam
Illustrator: Subi Bosa
Author: Nasrin Siege
Designer: Job Mubinya
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Sihle Siko
Editor: Nabeela Kalla