Ezona zinto zibalulekileyo

Sithatha uhambo. Ndibuza uMama ukuba ndipakishe ntoni. ‘Ezona zinto zibalulekileyo,’ utsho.
Simisa eWindmill ukuze sitye isidlo sakusasa, umtyibilizi uyonwabisa kakhulu.
Ndilibala ithoyi yam.
Ndikhathazekile emotweni, kodwa uTando wonwabile. ‘He-kee!’ Ngoku ungadlala nam!’ utsho.
Simisa efama ukuze sibone izilwanyana. UTando ukhangela kakhulu ukubona imbabala.
Inkawu ibaleka nezinto zakhe zokumamela zasezindlebeni.
Ukhathazekile emotweni, kodwa mna ndonwabile. ‘He-kee!’ Ngoku ungacula nam!’ nditsho.
Simisa kwiingxangxasi ezigqumayo. Sonwabe kakhulu, siyatyhalana size sitsalane.
UTata utshona emanzini, kanjalo nemephu yakhe.
UTata ukhathazekile emotweni, kodwa uMama wonwbile. ‘He-kee!’ Ngoku ndingakuncedisa sifumane indlela yethu!’ utsho.
Simisa kumntu othengisa ecaleni kwendlela ukuze sithenge umbona.
UMama uyagoba ukukhetha owona umnandi, zize izispeksi zakhe ziwe zophuke.
UMama ukhathazekile emotweni, kodwa uTata wonwabile. ‘He-kee!’ Ngoku ndingakunceda sifumane indlela yethu kunye!’ utsho uTata.
Simisa kwinduli endala ukuze sikwazi ukubona intlambo. UTata uyasiqhula ukuze sincumele ifoto,
kodwa ...
xa sibuyela emotweni, ayifuni kuduma. Wonke umntu uyayeka ukuhleka. ‘Ningakhathazeki …’ utsho uMama. ‘Sisenganexesha elimnandi. Sithi ezona zinto zibalulekileyo.’
Ngoko ke, siba nexesha elimnandi. Ngokudlala nangokucula nangokufumana indlela kunye, logama sonwabela owona mbona umnandi.

The things that really matter (IsiXhosa)