UMuzi uyakuthanda ukwakha izinto. Uphupha esakha eyona nto inomfaneleko kakhulu.
Ngenye imini wakha ikhu
he zokudlalisa.
Kodwa lalingeyonto iyeyona inomfaneleko.
Izolo wakhele izilwanyana
zakhe ibhlorho.
Yona ibilungile, kodwa ingeyonto iyeyona inomfaneleko.
Namhlanje uMuzi uza kutyelela uMakhulu.
Ulusizi. Ngaphandle kwezinto zakhe zokudlala, angayakha njani eyona nto iyeyona inomfaneleko?
Kwisitophu seebhasi, uMuzi uye wamangaliswa. Ubona izinto ezibomvu nezizuba. Izinto ezincinane nezinto ezinkulu. Izinto ezintsha nezinto ezindala.
UMuzi unengcingane entsha yokwakha eyona nto inomfaneleko kakhulu.
Endleleni eya kwaMakhulu,
uMuzi ufumana izinto ezininzi. Izinto ezinde nezinto ezimfutshane. Izinto ezingqukuva nezinto ezisisikwere.
Ngasemlanjeni, uMuzi ufumana nezinye izinto ezininzi. Izinto ezithambileyo nezinto ezitsolo. Izinto eziluhlaza nezinto ezintsundu.
“Jonga, Muzi! Sesilapha.”
Lo gama uMakhulu esabhakela abahambi abalambileyo,
uMuzi yena uyakha.
“Jonga, Makhulu, indlu yakho entsha.”
“Owu, Muzi,” uyahleka uMakhulu.
“Le yeyona nto inomfaneleko!”
“Makhulu, Makhulu!” watsho uMuzi.
“Ihlabathi lizele zizinto zokudlalisa. Jonga into endinokuyakha.”
The Best Thing Ever (IsiXhosa)
Eyona nto inomfaneleko
Illustrator: Lauren Nel
Author: Melissa Fagan
Designer: Stefania Origgi
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Nal’ibali