“Akwaba bendiNENDLU!” watsho uNksk Nombombiya.
“Andithandi ukuhlala enkunkumeni.”
“Nksk Nombombiya Endimthandayo,” watsho uMnu Nombombiya. “Siza kukwakhela ibhotwe.”
Ngoko ke usapho lakwaNombombiya lwaqalisa ngomsebenzi.
“Isanti ilwenza lurhawuzele ulusu lwam,” wambombozela uSisi.
“Imilinganiselo
ayichanekanga,”
watsho uBhuti.
“Ndilambile,”
watsho uRhalayo.
Wakhwina uNksk Nombombiya. Wonke umsebenzi wawusenziwa nguye.
Ekugqibeleni ibhotwe lagqitywa.
Kodwa kwafika iliza lalikhukulisa lemka.
“Siza kuphinda sizame,” watsho
uMnu Nombombiya.
“Yizani bantwana, siza kwakhela uMama indlu enkulu ngamatye.”
Ngoko ke usapho lwakwaNombombiya
lwaqalisa ngomsebenzi.
“Ayasinda amatye,” wambombozela uSisi.
“Imilinganiselo ayichanekanga,”
watsho uBhuti.
“Ndisalambile,” watsho uRhalayo.
Ekugqibeleni indlu enkulu
yagqitywa … kodwa
kwafika umoya
wayiphephethekisa
yemka.
Wayekhathazekile uNksk Nombombiya. “Andizi kuphinda ndisebenze,” watsho.
“Siza kuzama kwakhona,” watsho uMnu Nombombiya.
“Andikwazi kucinga nangantoni ngoku,” watsho uSisi. “Kunzima kakhulu.”
“Asinasamente kwaphela,” watsho uBhuti. “Akukho ndlu ifanelekileyo inokwakhiwa ngaphandle kwesamente.”
“Ndilambile,” watsho uRhalayo.
Wakhwina uNksk Nombombiya. Wayengasayi kulifumana ikhaya lakhe.
“Khawujonge wonke lo monakalo,” watsho.
Kuthe kanti uNksk Nombombiya unoluvo analo.
“Bhuti, yiza namaplanga,” watsho.
“Sisi, khangela
iinethi.”
“Rhalayo, yiza neplasitikhi. Mnu Nombombiya
yiza nehamile.” Basebenza
imini yonke.
“Ndidiniwe,” utshilo uSisi.
“Qhuba usebenze,” watsho uNksk Nombombiya.
“Imilinganiselo ayichanekanga,” utshilo uBhuti.
“Qhuba usebenze,” watsho uNksk
Nombombiya.
“Ndisalambile,” watsho uRhalayo.
“Qhuba usebenze,” watsho uNksk Nombombiya.
Kuza kuba kuhle ngenene,” watsho
uMnu Nombombiya.
“Mhle umsebenzi wenu,” watsho
uNksk Nombombiya.
Ngoko ke basebenza, basebenza baqhuba besebenza... kwaze
ekugqibeleni
lagqitywa ikhaya.
“Wamkelekile kwibhotwe lakho,” watsho
uMnu Nombombiya.UNksk Nombombiya waqhwaba amalungu okuqubha akhe. “Ndiyabulela,” watsho. “Libhotwe eliGqibeleleyo likaNksk Nombombiya.”
Mrs Penguin_s Perfect Palace Xhosa
Ibhotwe eliGqibeleleyo likaNksk Nombombiya
Illustrator:
Author:
Designer:
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/