UMina neLokhwe yoSuku lokuZalwa

Ngomso lusuku lokuzalwa lukaMina. Uza kuba nombhiyozo egadini.
UMina uya ezivenkileni noMama ukuya kuthenga ilokhwe yosuku lokuzalwa.
“Ndifuna ilokhwe ezuba,” utsho uMina. UMama ufumana ilokhwe entle ezuba.
UMina unikina intloko yakhe. “Andiyifuni ilokhwe ezuba. ”
“Ndifuna ilokhwe epinki,” utsho uMina. UMama umbonisa ilokhwe entle epinki.
UMina usonga iingalo zakhe. “Andiyifuni ilokhwe epinki.”
“Ndifuna ilokhwe eluhlaza,” utsho uMina. UMama uphakamisa ilokhwe entle eluhlaza.
UMina ufinga iintshiya. “Andiyifuni ilokhwe eluhlaza.”
UMama uthi, “Awuyifuni ilokhwe ezuba, awuyifuni ilokhwe epinki, awuyifuni ilokhwe eluhlaza.”
“Injani le ilokhwe?”
UMina uthi, “Ewe! Ndiyamthanda utyheli. Ndifuna ilokhwe etyheli.”

Mina and the birthday dress Xhosa