UNtak’eMzuba ukruqukile. “Ndidiniwe yile
ndlwane,” utsho.
“Sidinga ikhaya elitsha.”
“Ukuba uyanyanzelisa,” utsho uNtak’eMdaka.
“Kodwa andishukumi ngaphandle kokuba indlwane entsha ibe ibhetele kunale sinayo ngoku.”
“Owu ewe,” utsho uNtak’eMzuba.
“Iya kuba yindlwane entle kakhulu.
Ndiya kufumana eyona ndlwane
yakha yabalasela!”
“Jonga le ndlwane intle kangaka! Ithambile
imfum-mfum.
Yaye elowo kuthi anganebhedi yakhe yedwa.
Le yeyona ndlwane isilungeleyo.”
Kodwa ayinjalo!
“Jonga le ndlwane intle kangaka. Iqaqambile
yaye imibala-bala.
Le yeyona ndlwane intle kakhulu.”
Kodwa ayinjalo!
“Jonga le ndlwane ikhazimlayo. Bona indlela
ekhazimla ngayo.
Le yeyona ndlwane ifanelekileyo okwangoku.”
Kodwa ayinjalo!
“Jonga le ndlwane inkulu!
Ide inocango lwayo.
Le yeyona ndlwane ibalaseleyo
kuzo zonke.”
Kodwa ayinjalo!
“Jonga le ndlwane.
Bona indlela eyakhiwe kakuhle ngayo.
Le yeyona ndlwane eyakha yabalasela.”
“Ewe, injalo,”
utsho uNtak’eMdaka.
The best nest Xhosa
Eyona Ndlwane Ibalaseleyo
Illustrator: Megan Vermaak
Author: Crystal Warren
Designer: Ashlyn Atkinson
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Sindiswa Mbokodi
Editor: David Mann