Igora ElinguBora

UBora usekliniki noTata. UJojo, unodoli wakhe oyinkawu, naye ukhona. UJojo ulele ebhegini kaBora.
“Andizithandi iinaliti. Zivisa kabuhlungu!” atsho uBora.
“Isitofu siyakunceda ukuba uphile. Kulungile ukoyika, Bora. UTata uzakube elapha nawe. Ngokunjalo noJojo.”
“Bora Baraka!” kuvakala ilizwi elikhulu likhwaza. “Masingene Bora,” utsho uTata. “Kungena wena ngoku.”
“Masibuye ngomso Tata!” utsho uBora.
“Uyakhumbula ukuba uTata uthe uzakufumana ntoni ngokuba ligorha elikwazileyo ukunyamezela isitofu?” uyabuza uTata. “Istoklekese esibomvu! Kulungile ke, ndiyeza,” utsho uBora.
Ugqirha uncumela uBora. “Yinkawu yakho le? Singayixilonga nayo?” uyabuza. UBora ujonga kuTata, aphinde ajonge kuJojo, aze anqwale.
“Ngoku, lithuba lakho,” utsho ugqirha. “Ungandincedisa sinike inkawu yakho isitofu esincinci nje ukwenzela ukuba izive ngcono?” kubuza ugqirha.
“THSUFU!” atsho ugqirha njengokuba etofa inkawu uJojo.
“Ngoku, lithuba lakho. Ingaba ligorha elibalaseleyo elo lisesikipeni sakho?” abuze. “THSUFU!” atsho njengokuba etofa uBora.
“Itshu!” akhwaze uBora. “Heke, ayikhange ibe buhlungu kakhulu!”
“Ndiyazi ukuba iyatswikila kancinci nje, kodwa sesigqibile kwaye ubuligorha kakhulu!” utsho ugqirha.
“Nasi isitoklekese esibomvu segorha lethu elinguBora!”

Brave Bora