IMbovane Encinane yayikuthanda kakhulu ukufunda. IMbovane Encinane yayidla ngokunyenjwa ngale nto.
“Iimbovane azifundi umthetho wazo.
Iimbovane kufuneka zityile.
Iimbovane ziqokelela ukutya ezikutyayo"
Imbovane Encinanane ingafunda usuku lonke, ingafunda ifunde de kuphele usuku. Ezinye iimbovane zithatha oko zikufumanayo,
ukugcinela ubusika ngaphatsi komhlaba.
Umama kunye notata wayo bacaphuka kakhulu,
yaze Imbovane Encinane yaziva idakumbile ngokwenyani.
Ekwindla xa amagqabi ewela phantsi, iimbovane kufuneka ziyokufihla ukutya phantsi komhlaba.
Ikumkanikazi ifuna ukutya ukuze igcwalise uvimba wayo, ngoko ke zonke iimbovane kufuneka zisebenze kakhulu.
Imbovane Encinane iqalisa ngokukhwaza
ngendawo efunde ngayo, “Irestyurenti yinto efunekayo, indawo apho abantu batyela khona.
Zitsho njalo iincwadi endizifundayo.”
Iimbovane zahamba ngomkrozo nganye nganye.
Zisenza umkrozo ekutshoneni kwelanga.
Yaze Imbovanae Encinane yathi,
“Heyi, nantsi enye yazo!”
Iimbovane zahamba ngomkrozo nganye nganye, zithwele ibhega, zithwele ibhanisi.
Xa zibuya, ikumkanikazi iyavuya.
Oovimba bagcwele. Zivuya ngathi ziphambene.
Imbovane Encinane ifumana ukwangiwa
nguMama noTata.
Udade wayo omncinane ubamba isandla sayo,
“Ngoku ndicinga ukuba ndiyaqonda. Indlela othanda ngayo ukufunda incwadi …
Indenza ukuba ndikrwaqule.”
Little Ant’s Big Plan (IsiXhosa)
Amalungiselelo Amakhulu Embovane Encinane
Illustrator: Steven McKimmie
Author: Candice Dingwall
Designer: Telri Stoop
Licence: Creative Commons
Website: https://bookdash.org/