Ungaqashela ukuba ngubani oyena
mhlobo wethu osenyongweni?
Akafani nathi tu.
Umhlobo wethu osenyongweni nguNtaka!
NdinguMkhombe.
Ndigutyungelwa ndonke
nje ziintakumba.
UNtaka uzitya bimbilili zonke tu.
NdinguNgwenya.
Andikwazi ukuxukuxa,
ndihlambe amazinyo am.
UNtaka uxhola konke nje, acoce noko kungcola.
NdinguNdlulamthi.
Andikwazi kuzonwaya entloko mna.
UNtaka uyakwazi ukufikelela kulaa ndawo isenkcochoyini kwintloko yam.
NdinguQwarhashe.
Andikwazi ukubona izinto
ezikude kakhulu.
UNtaka unamehlo abukhali,
ngoko ke xa egadile ndiziva ndikhuselekile.
UNtaka wahlukile, kodwa asiyongxaki leyo …
Siva kamnandi naxa entyiloza ngelo lizwi lakhe limnandi!
Who is our friend Xhosa
Ngubani umhlobo wethu?
Illustrator: Gerhard Van Wyk
Author: Jade Mathieson
Designer: Lara de Groot
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Nal’ibali