UTumi owoyikayo

Igama lam nguTumi. Ndiyoyika.
UMama uthi kulungile ukoyika. “Wonke umntu ukhe oyike.”
Kungathini ukuba kukho irhamncwa phantsi kwebhedi yam?
“Ngoko ke ndiya kulixelela ukuba lihambe LINGAZE libuye.”
Kungathini ukuba kukho amehlo kwidreyini yebhafu?
Ngoko ke usisi wakho omdala, uKamo, uya kukukhupha ebhafini.”
Kungathini ukuba umnenga uyandiginya elwandle?
“Ngoko ke mna nosisi wakho uKamo siya kudada singene emlonyeni womnenga sikuhlangule.”
Kungathini ukuba mna andikwazi ukucula uABC baze abanye abantwana bandihleke?
“Ngoko ke utisthalakazi uJill uya kukunceda ukhumbule.”
Kungathini ukuba ndiyoyika ukuya kugqirha wamazinyo ngomso?
“Ndiza kuba ndikhona ndibambe isandla sakho.” Wonke umntu ukhe oyike. Umama uthi kulungile.

Scared Tumi Xhosa