Ngenye imini kwazalwa usana olukrelekrele kakhulu kumhlaba wakuGungululu oseMpuma Koloni.
Igama lolo sana yayinguSindiwe Magona. USindiwe wayengoyena mdala kubantwana abasibhozo bakowabo.
Ngokuhlwa, umakhulu wakhe wayembalisela amabali amnandi ngokumangalisayo malunga namagongqongqo kunye nezigebenga, izilwanyana zasehlathini, izilo ezikhulu ezoyikekayo, kunye nezilwanyana ezincinane zasethafeni. Eli yayilelona xesha wayelithanda uSindiwe.
USindiwe wayesithanda kakhulu isikolo kwaye wayenephupha lokuba ngutitshala ngenye imini.
Ukufikisa kwakhe uSindiwe, abazali bakhe bamenzela umsitho wokubhiyozela oku.
Wanikwa izinto ezikhethekileyo zokunxiba saze isilumko sexhego sambonga senjenje:
Iintsikelelo, ubomi obude!
Zanga izinyanya zakho zingakukhusela!
USindiwe waqeqeshelwa ukuba ngutitshala. Wayechulumance kakhulu kukuba ngutitshala kwisikolo sakhe sokuqala awafundisa kuso.
Kodwa kwakungekho zidesika zokuhlalisa abantwana nazincwadi zokuba babhale. Oku kwamoyikisa uSindiwe.
Uza kuba ngutitshala obalaseleyo kanjani xa abantwana bengenandawo yakuhlala nazinto zakubhala?
Wasishiya eso sikolo waza waya
kusebenza njengomcoci.
Wayesebenza kwimizi emine eyohlukileyo. Ngamanye amaxesha abanini nabanikazi bale mizi babemphatha gadalala, ze ingamonwabisi loo nto uSindiwe.
Ngalo lonke eli xesha
uSindiwe wayefunda.
Ukusebenza nzima kwakhe kwamvuza! Waphumelela isimemo nenkxaso-mali yokuya kufunda kwidyunivesithi yaseNew York.
Yena nabantwana bakhe abancinane abathathu bapakisha iibhegana zabo baze babhabha ngenqwelontaka, becanda ulwandle ukusinga eMerika.
Apho ke uSindiwe wafundela ukuba ngunontlalontle. Wayefuna ukunceda iintsapho ngeentsapho ukuba ziphile ubomi obungcono.
Akugqiba ukufunda, wasebenza kwaseMerika apho iminyaka engamashumi amabini.
Ngethuba elapho, uSindiwe wabalisela ihlabathi malunga noMzantsi Afrika, nendlela ekwakunzima ngayo kuninzi lwabantu ababehlala apha.
Abantu babethanda ukuphulaphula amabali akhe, kwaye babefuna ukufunda ngakumbi ngabemi boMzantsi Afrika.
Wonke umntu wajoyina ekuncediseni ukutshintsha imeko yoMzantsi Afrika.
Kodwa uSindiwe wayelikhumbula ilizwe awazalelwa kulo. Wayefuna ukubalisa amabali akhe kubantu bakowabo. Ngoko ke, wapakisha imithwalo yakhe, wakhwela inqwelomoya wabhabha phezu kolwandle, ebuyela eKapa.
Uthando lukaSindiwe lweencwadi kunye namabali lwamnceda ukuba abhale intlaninge yeencwadi. Kwaye abantwana nabantu abadala bayakuthanda ukufunda amabali akhe. Abantu abaninzi bambiza ngokuba
“unguNomabali” kuba usoloko ebhala, okanye ebalisa okanye efunda amabali.
Sindiwe-and-the-fireflies-Xhosa
uSindiwe kunye neenkanyezi
Illustrator: Jano Strydom
Author: Cheréne Pienaar
Designer: Tess Gadd
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Nal’ibali