

Yiveki inye ibelusuku lokuzalwa
lukaThato.
Ziintsuku ezisixhenxe zonke!

Umama wakhe uthi:
"Isipho sakho sosuku lokuzalwa sizakuba ngummangaliso omkhulu!"
UThato wamangaliswa
inokuba siyintoni?

NgoMvulo uThato wacinga:
"Mhlawumbi ndizakufumana amaphiko amakhulu ukuze ndibhabhele phezulu esibhakabhakeni njenge ntaka..."

NgoLwesibini uThato wacinga: "Mhlawumbi ndizakufumana ikeyiki enkulu njengendlu!"

NgoLwesithathu uThato wacinga:
"Mhlawumbi ndizakufumana isiphekepheke ndintingele enyangeni!"

NgoLwesine uThato wacinga:
"Mhlawumbi ndizakufumana iimpiko zentlanzi ukuze ndidade ngaphantsi kwamanzi njengentlanzi."

NgoLwesihlanu uThato wacinga: "Mhlawumbi ndizakufumana izihlangu zesoka zomlingo ndize ndifake amanqaku ali waka!"

NgoMqgibelo uThato wacinga:
"Inokuba ndizakufumana isitshixo esivula ibhokisi ezele bubutyebi!"

NgeCawe lusuku lokuzalwa
lukaThato.
Umama wancuma wathi:
"Yiza uzekubona ummangaliso wakho!"

Sesona sona sipho.
Ubhuti kaThato uKudzai wayeze kutyelela evela kwidolophu enkulu!

UThato wancuma, wancuma waze ubhuti wakhe wamphakamisela phezulu emoyeni wamanga.
UKudzai wathi: "Ufuna ukwenza ntoni ngosuku lwakho lokuzalwa mninawa wam?"

UThato wayesazi ngqo ukuba bayakwenza ntoni imini yonke.

Thato_s birthday surprise Xhosa
Ummangaliso wosuku lokuzalwa lukaThato
Illustrator: Brad Cuzen
Author: Corinne Lamoral Rosmarin
Designer: Jodi Houareau
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Bukelwa Yuze and Wordworks