Ngubani olo sana?

Ngubani olo sana?
Olo sana luyakwazi ukuhamba. Njengam ncam.
Iinzwane zam ezinyakazayo. Iinzwane ezinyakazayo zolo sana!
Owu? Lumkile olo sana!
Ngubani olo sana?
Izandla zam eziwangawangisayo. Olo sana luwangawangisa izandla.
Lufuna ukudlala?
Owu, hayi! Lumkile olo sana!
Ngubani olo sana?
Impumlo yam entle. Impumlo entle yolo sana.
Ndenza ubuso obuhlekisayo. Nalo olo sana lwenza njalo.
Owu! Olo sana … NDIM!

Who_s that baby Xhosa