Usuku Oluhle

“Lwaze lwaluhle usuku,” utsho uMama. “Vuka Nicholas.”
“Molo langa,” utsho uNicholas. “Molweni zintaka.”
“Lusuku oluhle,” utsho uTata. “Masibe nepikiniki ngasemlanjeni.”
“Angeza umhlobo wam uJacob?” uyabuza uNicholas.
“Ningandilibali nam, ndiyazithanda iipikiniki!” utsho uDonki. “Nam. Ndifuna ukuza nam!” utsho uNja.
“Silandeleni,” zitsho iintaka.
“Ndiza kubaleka nawe ukuya emthini,” utsho uNicholas.
“Ndiphumelele, ndiphumelele,” utsho uDonki. “Ayinabulungisa le nto,” utsho uNicholas. “Wena unemilenze emine.”
“Jonga into endikwazi ukuyenza,” utsho uNicholas.
“Ndiqinisekile awunakukwazi ukwenza oku,” utsho uJacob.
“Nantsi indawo yethu yepikiniki,” utsho uTata.
“Baleka uye emanzini,” utsho uJacob.
“Yizani kutya makhwenkwe namantombazana,” utsho uMama.
“Lixesha lokugoduka,” utsho uMama. “Valelisa kuJacob.”

A Beautiful Day (IsiXhosa)