Kazi ukhona na omnye umntu ondim nqwa kwenye indawo apha ehlabathini.
Ofana nqwa nam ngenkangeleko …
… nothetha njengam lo kanye.
Mhlawumbi de abeneenwele
ezifana ncamnezi zam.
Umntu onamehlo
kunye neendlebe
ezifana nezam nqwa.
Ode ahleke njengam lo kanye.
Okwaziyo ukwenza izinto endizenzayo …
… nongakwaziyo ukwenza izinto
endingakwaziyo nam ukuzenza.
Ndibhuqe, ndikhangela omnye
umntu ondim kuyo yonke indawo.
Ndiye epakini ndajonga,
ngaphaya kwemithi.
Ndijikeleze, ndajikeleza ndikhangela,
ndisenyuka ndisehla …
… ndijonga ubuso ngabunye
endihlangana nabo.
Andikwazanga kufumana nomnye umntu ondim kuyo nayiphi na enye indawo.
Ndim kuphela ondim ehlabathini! Ndikhethekile, owu ngenene oko kuyinyaniso!
Kodwa ayindim nje kuphela, wena awuziboni? Nawe unguwe wedwa qwaba, jwi!
Is There Anyone Like Me_ (IsiXhosa)
Ingaba ukhona na umntu ofana nam nqwa?
Illustrator:
Author:
Designer:
Licence: