Kwathi ke kaloku ngantsomi
kwifama encinane
kufuphi nelali encinane…
kwakuhlala khona inkukhu encinane
ebizwa ngokuba ngu Daisy.
“Xa ndikhula, ndifuna ukubhabhela phezulu,
phezulu esibhakabhakeni,” watsho u-Daisy.
Kodwa zonke ezinye iinkukhu
zamhleka.
“Awuqhelekanga,” zatsho.
“Asoze siphinde sidlale nawe.”
“Daisy, sonke singabhabhazela amaphiko ethu kodwa kunzima kakhulu kwiinkukhu ukuba zibhabhe,” U-Mama wamxelela.
U-Daisy zange anikezele.
Ngazo zonke iintsuku waziqhelisa, eqhwaba amaphiko akhe.
Wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, ebhabhazela amaphiko akhe kodwa wayengenako ukuphakama asuke emhlabeni.
Ngelixa eziqhelisa, umfanekiso-ngqondweni wokubhabhela phezulu esibhakabhakeni kwaye ejonge kwiinkukhu ngezantsi.
Ebebanomfanekiso-ngqondweni wokubhabha
edlula oonondlwane kwaye edlula iinkonjane.
“‘Huntshu!” iintaka zathi.
“Inkukhu engabhabha!”
Ngoko ke … wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, ngazo zonke iintsuku
U-Daisy ube ngabhabhazela amaphiko akhe.
Ube ngaphakama ukusuka emhlabeni
kodwa awele phantsi kwakhona.
“Asoze ndikwazi ukubhabha!” U-Daisy walila
kumama wakhe. “Abanye banyanisile.”
“Daisy, wohlukile kwezinye iinkukhu. Azifuni ukubhabha kodwa uyafuna! Ungakwenza oko,” Watsho uMama.
Kusuku olulandelayo u-Daisy wakhwela
ngaphezulu kwendlu yeenkukhu kwaye
wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela amaphiko akhe.
Wabhabhela emoyeni
kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …
kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …
kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …
kwaye …
BAM!
Ezinye iinkukhu zahlekela
phezulu. “Ha ha ha! Sikuxelele!
Iinkukhu azinako ukubhabha!”
Kodwa kusuku olulandelayo u-Daisy wakhwela
ngaphezulu, phezulu encotsheni karontabile.
Wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, u-Daisy wabhabhazela amaphiko akhe.
Wabhabhela emoyeni kwaye wabhabhazela
amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …
Waqhubeka ebhabha!
Umoya ngaphantsi kwamaphiko akhe
wabamninzi kwaye wabhabha
ukuya phezulu nangaphezulu!
Oonondlwane kunye neenkonjane zathi,
“Ngumangaliso! Inkukhu ebhabhayo!”
Kwaye ezinye iinkukhu zazifuna ukufana naye.
Zathi,
“Oh Daisy, uyamangalisa!”
Amazing Daisy (IsiXhosa)
UDaisy Omangalisayo!
Illustrator: Siya Masuku
Author: Nozizwe Herero
Designer: Leona Ingram
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Zolile Tricarter Kalashe
Reader: Babalwa Kona