Ndiza Kukunceda

"Shu!" uMama uKhwalimanzi wenzakaliswa lucingo oluhlabayo ephikweni nasemlenzeni wakhe.
“Ndonzakele. Andikwazi ukugoduka ndiye ebantwaneni bam,” watsho.
“Ndincedeni bantu.”
Kutheni ulila nje Mama uKhwalimanzi?” kwabuza uLungile.
“Andikwazi ukugoduka, ndiye ebantwaneni bam,” watsho ngelokuphendula.
“Ndiza kukunceda,” watsho uLungile.
“Enkosi Lungile!”
Ngosuku olulandelayo, uGogo wathuma uLungile evenkileni ukuba aye kuthenga isonka.
Endleleni, wadibana nabahlobo bakhe waza waya kudlala nabo emlanjeni.
Eyish! Imali ilahlekile.
“Ungabuyeli apha ekhaya ude ube uyifumene loo mali!” wangxola watsho uGogo.
“Kutheni ulila nje Lungile?” wabuza uMama uKhwalimanzi.
“Ndilahle imali ebendiyinikwe nguGogo ukuze ndithenge isonka. Ngoku asinaso isidlo sangokuhlwa.”
“Ndiza kukunceda” watsho uMama uKhwalimanzi.
Amehlo kaMama uKhwalimanzi abukhali azibona iingqekembe zemali zimenyezela apho emanzini.
“Enkosi, Mama uKhwalimanzi.”

I Will Help You (IsiXhosa)