Ndiculele

UMama uyakuthanda ukucula. UMama uculela phezulu.
Uculela phantsi.
Untyiloza njengentaka.
UMama uyakuthanda ukucula. UMama uculela phezulu.
Uculela phantsi.
Ucula ngathi yingelosi.
UMama uyakuthanda ukucula. UMama uculela phezulu.
Uculela phantsi.
Ucula ngathi yimvula echaphachaphazayo.
UMama uyakuthanda ukucula. UMama uculela phezulu.
Uculela phantsi.
UMama uyakuthanda ukundiculela.

Patience Sifuthi_Ngiculele XH