ITheko lokuPhunga likaTlotlego

UTlotlego unetheko lokuphunga losapho LONKE. “Makhulu, bangaphi abantu abezayo ukuzokuphunga?” “Nguwe, ndim, nguMama noTata. Kunye nodadewenu omncinci, uTshiamo.”
UTlotlego ubala iikomityi zeti njengoko ezithatha ekhitshini. “Inye, zimbini, zintathu, zine, kunye nenye kaMakhulu!”
UTlotlego uya esituphini aze abeke iikomityi etafileni. “Inye, zimbini, zintathu, zine, kunye...?” “Ndibona iikomityi ezine kuphela,” utsho uMakhulu, “kodwa thina singabantu abahlanu.” “Ngoku bendisekhitshini ngaphambili, iikomityi bezintlanu!” uyakhuza uTlotlego.
UTlotlego ubala iipleyiti ezincinci ezintle njengoko ezikhupha ekhabhathini. “Inye, zimbini, zintathu, zine, zintlanu! Umntu ngamnye unepleyiti yakhe.”
UTlotlego uya esituphini aze abeke iipleyiti ecaleni kweekomityi. “Inye, zimbini, zintathu, zine, kunye...?” “Ndibona iipleyiti ezine kuphela,” utsho uMakhulu, “kodwa thina singabantu abahlanu.”
UTlotlego ubala iibhiskiti njengoko ezikhupha eskhaftineni. “Inye, zimbini, zintathu, zine, kunye neyesihlanu!”
UTlotlego uya esituphini aze abeke iibhiskiti ezipleyitini. “Inye, zimbini, zintathu,zine, kunye…?” “Ndibona iibhiskiti ezine kuphela,” utsho uMakhulu, “kodwa thina singabantu abahlanu.”
UTlotlego udideke kakhulu. Uyazi ukuba ubebala kakuhle. Kuqala, ebeneebhiskiti ezintlanu, kodwa ngoku kukho ezine kuphela. Ziphunguke NJANI ezi bhiskiti?
UTlotlego ubala amagaqa eswekile njengoko ewakhupha kwisitya seswekile. “Linye, mabini, mathathu, mane, kunye nelesihlanu!”
UTlotlego uya esituphini aze abeke amagaqa eswekile etafileni. Kwesi sihlandlo, uqinisekile ukuba uva ukugigitheka. “Linye, mabini, mathathu, mane, kunye…?” “Mahlanu!” kuvakala ilizwi phantsi kwetafile.
UTlotlego uyagoba akhangele phantsi kwetafile. Othukile, ubona iseti yeti epheleleyo phantsi kwetafile! Nazi zonke ezi komityi, ipleyiti, ibhiskiti, neqhekeza leswekile ebezilahlekile. ZINTLANU!
Xa uMama noTata befika ekhaya bevela emsebenzini, bonke baphungela esituphini. Omnye, ababini, abathathu baphungela etafileni, baze ababini baphungele ngaphantsi kwayo!

Tlotego_s tea party Xhosa