Ingubo Yam eKhethekileyo

Uyandibona? Ndisemqolo kuMama wam engubeni yam ekhethekileyo.
Ndiyamthanda uMama. NoMama uyandithanda. Yaye ndiyayithanda, ndiyayithanda, NDIYAYITHANDA ingubo yam ekhethekileyo.
Ndiyakuthanda ukwenza ingxolo.
Kodwa uMama uthanda kuthuleke.
UMama wenza umsebenzi wakhe.
Ndaye ndiyakuthanda ukudlala.
Owu, ndiyayithanda, ndiyayithanda, NDIYAYITHANDA ingubo yam ekhethekileyo.
Kodwa xa ndisitya, uMama uthi ingubo yam ekhethekileyo mayibukele.
Ndaye xa ndihlamba, ingubo yam ekhethekileyo mayilinde apho komileyo.
Ndiyawathanda amabali exesha lokulala noMama. Ingubo yam ekhethekileyo imamela nam…
…ize indincede ukundilalisa.
Ndiyayithanda, ndiyayithanda, NDIYAYITHANDA ingubo yam ekhethekileyo.

My special blankie Xhosa