ULwando unodadewabo omncinci ogama linguOyiso.
Ngamanye amaxesha uyathandeka kakhulu.
Kodwa ngamanye amaxesha ujika abe
lirhamncwa
Akuyongxaki oko, kuba uLwando ungumenzi mbuna werhamncwa.
NgoMvulo, irhamncwa belibonakala linomsindo.
Kodwa uLwando ebesazi
ukuba wenziwa nje
kukulamba.
NgoLwesibini, irhamncwa belibonakala
linomsindo kakhulu.
Kodwa uLwando ebesazi ukuba
udiniwe nje kuphela.
NgoLwesithathu,
irhamncwa belibonakala
linomsindo ngakumbi.
Kodwa uLwando ebesazi ukuba ulusizi
nje kuphela.
NgoLwesine, irhamncwa belibonakala
linomsindo omkhulu.
Kodwa uLwando ebesazi ukuba ufuna nje inzolo.
Kodwa ngoLwesihlanu,
khange kulunge kwanto.
Ngoku bekukho amarhamncwa amabini.
Amarhamncwa aye esiba makhulu ngokuba makhulu.
Aba makhulu ngakumbi.
Ngethamsanqa, uTata ungoyena ukwaziyo
ukwenza mbuna amarhamncwa. Uyazi ukuba awunakwenza mbuna amarhamncwa
ngokuba mkhulu ngakumbi okanye ube
nomsindo ngakumbi.
Ungawenza mbuna amarhamncwa ngokuwanceda azive
ekhuselekile.
How to tame a monster Xhosa
Indlela yoKwenza Mbuna iRhamncwa
Illustrator: Anja Venter
Author: Sam Beckbessinger
Designer: Wilna Combrinck
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Sebolelo Mokapela
Editor: Carla Lever