UZanele ubona amanani

Wonke umntu uxelela uZanele ukuba amanani amngqongile. Kodwa nokuba uzama kangakanani na, akawaboni.
UZanele ucela uMakhulu ukuba amncede abone amanye amanani. UMakhlu ukhomba iijagi eziseshelufini abale “inye, zimbini, zintathu, zine.”
Kodwa uZanele akonwabanga. “Ayingomanani lawa. Ziijagi eziya!”
UZanele ucela uMama ukuba amncede abone amanye amanani. UMama ukhomba iminqatha egadini aze abale, “mnye, mibini, mithathu, mine.”
Kodwa uZanele akonwabanga. “Ayingomanani lawa. Leya yiminqatha!”
UZanele ubona uLinda ebala iinkukhu, ukubona ukuba zonke zibuyile na ekhaya.
Kodwa uZanele akonwabanga. “Ayingomanani lawa. Eziya ziinkukhu!”
UZanele ubona u uMakazi ebala iiyure kude kufike isidlo sangokuhlwa.
Kodwa uZanele akonwabanga. “Ayingomanani lawa. Eziya ziiyure!”
UZanele akawaboni amanani ehlabathini. Uhamba ayokuthetha nodadewabo, uGugu oneminyaka esibhozo nowazi yonke into.
“Ukuba ujonga nantoni na ngendlela elungileyo, ungalibona inani kuyo,” utsho uGugu. UGugu unika uZanele izipeksi zomlingo aze amxelele ukuba makahambe ayokukhangela amanani ehlabathini.

Zanele Sees Numbers (IsiXhosa)