Usuku Oluxakeke Kakhulu!

Namhlanje lusuku oluxakeke kakhulu! Mna noMama sinezinto ezininzi esiza kuzenza nesiza kuzibona.
Siya esitishini sifumane abantu befole emgceni. Abantu abadala kunye nabancinci, abakhwazayo kunye nabathulileyo, bonke besiya edolophini.
Ndijonge ngefestile eteksini, ndibona iimoto zidlula. Iimoto ezibalekayo kunye nezicothayo, ezinkulu kunye nezincinci.
Kukho izakhiwo ezininzi edolophini! Eziphakamileyo kunye nezifutshane, ezeglasi kunye nezezitena, kuyo yonke indawo endijonga kuyo.
Mna noMama siphuma singena ezivenkileni. Iivenkile zeempahla, kunye neevenkile zeencwadi, iivenkile zeebhegi kunye nezinto nje ezininzi.
UMama ulinganisa izihlangu. Izihlangu ezibomvu kunye nezihlangu eziluhlaza, izihlangu eziphakamileyo kunye nezihlangu eziphantsi.
UMama ulinganisa izihlangu. Izihlangu ezibomvu kunye nezihlangu eziluhlaza, izihlangu eziphakamileyo kunye nezihlangu eziphantsi
UMama undibonisa izinto zokudlala yaye athi mandikhethe! Kukho izinto zokudlala ezithambileyo kunye nezingqukuva, ezikhwazayo kunye nezibalekayo.
Namhlanje sithenge izinto ezininzi! Iingxowa zokutya kunye neengxowa zeempahla. Ipere yezihlangu kunye nezinye izinto ezimnandi.
Ekhaya, kwindlu yethu ethe cwaka, ndikhupha isipho esikhethekileyo uMama asithengele nje mna!

A Very Busy Day (IsiXhosa)