UMpungutye Qhinga
wayeyimpungutye
enamaqhinga.
Wayethengisa iivatala
ezinkulu, ezintsha.
“Ixabiso lakho liphezulu kakhulu,” watsho uMvundla Vundla.
“Ubiza kakhulu gqitha,” watsho uNdlula Ndlulamthi.
UMpungutye Qhinga waba noluvo olukrelekrele.
Wayisika wayiqhekeza phakathi ivatala enkulu, waguphula isiqhamo esingaphakathi, wasibimbiliza.
Emva koko walizalisa ngamanzi iqokobhe!
Wathatha inaliti nomsonto wawathungela
kunye amaqhekeza evatala.
Wazithengisa ngexabiso
eliphantsi iivatala zakhe.
Izilwanyana ezininzi zazithenga kuMpungutye Qhinga.
“Le vatala inamanzi kuphela phakathi,” wakhalaza uNkawu Jingi.
“Kaloku, ufumene into oyihlawuleleyo,” watsho uMpungutye Qhinga.
“Kufuneka simfundise isifundo uMpungutye Qhinga,” watsho uNdlu Ndlovu.
Izilwanyana zadibana
zeza necebo.
“Ndinecebo,” watsho uMehlomakhulu
Sikhova.
Zathatha ivatala engenanto, zahlohla uMpungutye Qhinga kuyo zaze zadlala ibhola ekhatywayo ngayo.
UMpungutye Qhinga waba nesiyezi!
Wafunda isifundo futhi zange aphinde enze amaqhinga kwakhona.
Foxy Joxy Plays a Trick (IsiXhosa)
UMpungutye Qhinga wenza amaqhinga
Illustrator: Mdu Ntuli
Author: Nahida Esmail
Designer: Samantha Rice & Edited by Margot Bertelsmann & Translated by Nal’ibali
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/