UMihlali uyadanisa!

Ixesha lomboniso omkhulu wasesikolweni lalisondele. Bonke abantwana babefunda ukudanisa, belungiselela olo suku lukhulu. Kodwa uMihlali wayekhathazekile.
Wayenexhala lokuba angawulibala umdaniso ekwakufanele awenze kumboniso namaqabane akhe.
“Ungakhathazeki. Ndizokufundisa ukudanisa,” watsho uMama.
“Ungakhathazeki. Ndizokufundisa ukudanisa,” watsho uMama.
“Ungakhathazeki. Ndizokufundisa ukudanisa,” watsho uMama.
“Ungakhathazeki. Ndizokufundisa ukudanisa,” watsho uMama.
UMihlali wayengenamdla wokuvula isipho. Wayenexhala ngongakwazi ukudanisa.
Mhlawumbi kufuneka ajonge ukuba kukho ntoni ngaphakathi ...
Azisentle izihlangu zokudanisa ezithengwe ngumakhulu!
UMakhulu wayengumanqanqa emdanisweni.
UMihlali waqala wadanisa eskolweni namaqabane akhe…
Wadanisa nasekhaya… Nasemaphupheni wayedanisa.
Kodwa kwakufuneka aphumle.
Yayimini enkulu yomboniso ngengomso.
Yafika imini yomboniso. UMihlali wadanisa kwaqhuma uthuli. Baqhwaba benovuyo ababembukele. Tyhini! Kanti noMakhulu wayezile ukuza kubukela uMihlali edanisa.
“Makhulu! Undibonile? Ndidanise njengawe!”
“Wenze kakuhle, Mihlali. Uyincutshe yokwenene.”

Dance, Mihlali. (IsiXhosa)