UFifi noTeddy

UFifi wamthanda uTeddy eselusana.
UFifi utya noTeddy.
UFifi udlala noTeddy.
UFifi uhamba noTeddy naphi na apho aya khona.
Baphinde baziqothe kunye qho ebusuku.
UFifi uyazi ukuba akanakuya noTeddy esikolweni. Ngoko ke qho kusasa umshiya phezu kwebhedi yakhe uTeddy.
Ngenye imini, xa ebuya esikolweni, ufika uTeddy engekho!
“Yintoni Fifi?” uyabuza uMama.
UTeddy ulahlekile!
“Hayi, sthandwa sam. Uhlanjiwe uTeddy!”
“Ndakubhaqa, Teddy!"

Fifi & Teddy