UFifi wamthanda
uTeddy eselusana.
UFifi utya noTeddy.
UFifi udlala noTeddy.
UFifi uhamba noTeddy naphi
na apho aya khona.
Baphinde baziqothe kunye
qho ebusuku.
UFifi uyazi ukuba akanakuya
noTeddy esikolweni.
Ngoko ke qho kusasa umshiya
phezu kwebhedi yakhe uTeddy.
Ngenye imini, xa ebuya esikolweni,
ufika uTeddy engekho!
“Yintoni Fifi?”
uyabuza uMama.
UTeddy ulahlekile!
“Hayi, sthandwa sam.
Uhlanjiwe uTeddy!”
“Ndakubhaqa, Teddy!"
Fifi & Teddy
UFifi noTeddy
Illustrator: Alison de Villiers
Author: Tshepo Letsapa
Designer: Fathima Kathrada
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Sebolelo Mokapela
Editor: Zanri Kritzinger