Nyumbululu – Nyumbu-Nyumbu!

Nyumbululu –nyumbu-nyumbu! Ndingumbungu onyumbululu.
Iintyatyambo namagqabi kukutya kwam okuncamisayo. Mmhhmmm esiswini sam!
Nyumbululu –nyumbu-nyumbu! Ndingumbungu onyumbululu.
Ndiyayithanda imvula. Chapha-chapha- emithini nasengceni.
Ndijonge ndixhentsa ndinyubuluza. Nyumbululu–nyumbu-nyumbu!
PHUU!!!
Indle yam yenza izityalo zikhule.
Ndiyakuthanda ukubona izityalo zam zikhula. Zityheli, zibomvu, zizuba kanti zimbi ziluhlaza.
Nyumbululu –nyumbu-nyumbu! Ndingumbungu onyumbululu.
Nyubuluza xa undibona egadini. Nyumbululu –nyumbu-nyumbu!
Ndiphi ngoku?
Ndim lo eqokobheni lam!
Yhoo, jonga! Andisenguwo ngoku umbungu!
Pha-pha pha-pha pha-pha! Ndilibha-bhathane!

Wiggle Jiggle (IsiXhosa)