“Kurukukuuu!
Vuka Zingisile.
Lusuku lwakho lokuzalwa!”
Lusuku lwam lokuzalwa, kodwa ikwalusuku lwesikolo.
“Mama, Mama!
Qajisela, kanene lusuku lwantoni namhlanje?” Ndivuka ndikhwaze nditsho.
Ndasoloko ndimbuza lo mbuzo umama wam qho kusasa ngosuku lwam lokuzalwa.
“Sisidudu sakho sosuku lokuzalwa esi! Khawulezisa utye ke ngoku.
Akulunganga ukuba ufike emva kwexesha esikolweni ngemini yakho yokuzalwa.”
Mmmmmmm!
Ndiyasithanda isidudu.
Ekhreshi wonke umntu uyazi ukuba lusuku lwam lokuzalwa.
Bandiculela Umin’ emnandi kuwe kwaye bandibhalela iziqwengana ezibonisa uthando.
Andisakwazi nokuzibamba xa ndicinga ngesidlo esikhethekileyo aza kundilungiselela sona uMama.
Sendingxamele ukubona umzala wam endimthanda kunene, uSisipho.
Ukwanguye nomhlobo wam osenyongweni.
Olwakhe usuku lokuzalwa lungoSeptemba.
Kazi uMama uza kundibambela eyiphi inkukhu? Ndiyathemba iza kuba yeyona ityebileyo.
“Yeyiphi eyona ndawo uyithandileyo kweli bali?” uyabuza uNkskz Mkombe.
“Ngumqa!” ndikhwaza nditsho, ndisekude ngeengcinga.
Bayahleka abahlobo bam.
Xa ndifika ekhaya, uLuhambo uchwayitile. Yena owakhe umhla wokuzalwa wokuqala ubunge28 kaApreli.
Kwaye mna izakuba kokwesihlanu ngoku ndibhiyozela usuku lwam lokuzalwa!
Khawukhangele konke oku kutya! UMama undenzele zonke ezithandwa ndim – ispinatshi, amagranyaza ombona, umqa nomhluzi kunye nesonka sakhe sodumo. Yonke into ikhiwe kwisitiya sethu.
“Min’ emnandi kuwe Zingisile!
Min’ emnandi kuwe Zingisile!
Unangaphi ngoku?”
“Ndineminyaka emihlanu ngoku!” ndicula nditsho ukuphendula.
UTata wam uyandifunqula andijikelizise!
“Zing-star wam! Awusemdala sele uzakuba ngutishala.”
UMama undivumela ukuba ndikhethe elona qatha
likhulu lenyama yenkukhu.
Uqale aphakele mna.
Ndinxuza isonka sam
esimnandi emhluzini nditsho ngoncumo olugoso.
Ingathi alusafiki usuku lwam lokuzalwa olulandelayo!
It_s my birthday Xhosa
Lusuku lwam lokuzalwa!
Illustrator: Josie Versfeld
Author: Sinovuyo Mcunukelwa
Designer: Nkosingiphile Mazibuko
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Sinovuyo Mcunukelwa