Kudala-dala, kwihlathi
laseMincilini, iintaka nemithi
zazikwazi ukuthetha kunye.
Kwakukho usapho lweentaka olwalunabantwana abathathu: uZuba, uPinki noTyheli.
Bonke babehlala emthini omkhulu onobulumko obizwa ngokuthi nguMamango.
Lalimnandi kakhulu ilizwi likaMama uNtaka! Wayevuka kwangoko acule ingoma yakhe.
Kodwa ngenye imini, kwafika
imbalela kuloo mmandla. Imilambo
yatsha namagqabi awa emithini.
UMamango wacinga ixesha elide futhi ecinga nzulu.
“Mhlawumbi ngesilanda umbungu wemilingo ozisa imvula. Kodwa ngubani oya kusiyela?”
“Ndiza kuya. Andoyiki,” watsho uMama uNtaka.
Nanko ebhabha.
Wonke umntu wayemkhumbula uMama uNtaka, nengoma yakhe. Ingaba wayeza kukwazi ukuyifumana indlela yakhe egodukayo?
“Kuza kwenzeka ntoni ukuba sicula ingoma kaMama?”
wacebisa watsho uTyheli.
“UMama wayesoloko esithi ukuba sicula ingoma yakhe, uya kuyifumana indlela yakhe ebuyela kuthi.” “Kodwa andikwazi ukucula!”
wakhala uPinki.
“Wakhe wazama ukucula?”
wabuza uMamango.
“Ndakhe ndazama ukucula,”
watsho uTyheli.
“Ndingakufundisa.”
Kwangoko ngentsasa elandelayo,
uTyheli wacula ingoma kaMama, “Yintsasa entle le!
Sivuka sicule!” Imvula yaqalisa ukuna.
Ekugqibeleni, zonke iintaka
zalandela uTyheli zacula.
UMama uNtaka wayifumana indlela yakhe yokubuyela eMincilini.
Ukususela ngoko, iintaka zasoloko zicula ngomsobomvu.
Why birds sing at dawn Xhosa
Kutheni iintaka zicula ngomsobomvu
Illustrator: Emmanuel Grebo
Author: Zanele Dlamini
Designer: Joseph Makongo Kiugu
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Nal’ibali
Editor: Joey Kok