![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/why-birds-sing-at-dawn_xh_978-1-77632-511-5.jpg)
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/4-1.jpg)
Kudala-dala, kwihlathi
laseMincilini, iintaka nemithi
zazikwazi ukuthetha kunye.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/5-1.jpg)
Kwakukho usapho lweentaka olwalunabantwana abathathu: uZuba, uPinki noTyheli.
Bonke babehlala emthini omkhulu onobulumko obizwa ngokuthi nguMamango.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/6-1.jpg)
Lalimnandi kakhulu ilizwi likaMama uNtaka! Wayevuka kwangoko acule ingoma yakhe.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/7-1.jpg)
Kodwa ngenye imini, kwafika
imbalela kuloo mmandla. Imilambo
yatsha namagqabi awa emithini.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/8-1.jpg)
UMamango wacinga ixesha elide futhi ecinga nzulu.
“Mhlawumbi ngesilanda umbungu wemilingo ozisa imvula. Kodwa ngubani oya kusiyela?”
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/9.1-1.jpg)
“Ndiza kuya. Andoyiki,” watsho uMama uNtaka.
Nanko ebhabha.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/10-1.jpg)
Wonke umntu wayemkhumbula uMama uNtaka, nengoma yakhe. Ingaba wayeza kukwazi ukuyifumana indlela yakhe egodukayo?
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/11-1.jpg)
“Kuza kwenzeka ntoni ukuba sicula ingoma kaMama?”
wacebisa watsho uTyheli.
“UMama wayesoloko esithi ukuba sicula ingoma yakhe, uya kuyifumana indlela yakhe ebuyela kuthi.” “Kodwa andikwazi ukucula!”
wakhala uPinki.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/12-1.jpg)
“Wakhe wazama ukucula?”
wabuza uMamango.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/13-1.jpg)
“Ndakhe ndazama ukucula,”
watsho uTyheli.
“Ndingakufundisa.”
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/14-1.jpg)
Kwangoko ngentsasa elandelayo,
uTyheli wacula ingoma kaMama, “Yintsasa entle le!
Sivuka sicule!” Imvula yaqalisa ukuna.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/15.jpg)
Ekugqibeleni, zonke iintaka
zalandela uTyheli zacula.
UMama uNtaka wayifumana indlela yakhe yokubuyela eMincilini.
Ukususela ngoko, iintaka zasoloko zicula ngomsobomvu.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2024/05/16.jpg)
Why birds sing at dawn Xhosa
Kutheni iintaka zicula ngomsobomvu
Illustrator: Emmanuel Grebo
Author: Zanele Dlamini
Designer: Joseph Makongo Kiugu
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Nal’ibali
Editor: Joey Kok