KUFANELE UKUBA KUBEKHO UMNYAMA

Ilali yaseNgxingweni ikwiintaba ezintle kakhulu kubuKumkani bakwaZulu.
UJabulile yintombazana encinane ehlala apha. UJabulile wayehlala onwabile. Wayesoloko efuna ulwazi, ethanda ukubuza yonke into ngobomi. Wayenomdla kuyo yonke nje into.
Utata kaJabulile wayengumlimi wombona. Umama wakhe yena eyititshalakazi. Abazali bakhe babehlala bemkhuthaza ukuba angayiyo nantoni na afuna ukuba yiyo. Elona phupha likhulu likaJabulile yayikukunceda abantu.
Wonke umntu kuloo lali wayengumhlobo kaJabulile, ingakumbi abantu abadala. Babemfundisa ngoomama nootata bakudala ababelumkile nababehlala apho eNgxingweni. UJabulile naye wayebufuna ubulumko.
Ngenye imini eyayisoyikeka, amafu agubungela ilali yaseNgxingweni. Kwasuka kwamnyama tsiki zezo ngqimba zamafu. Isaqhwithi esibi sahlasela yonke loo ndawo.
Umoya ovuthuza ngamandla waphequla amaphahla ezindlu. Zonke izilwanyana zalahlekelwa zezo ndawo zazo zokulala. Yayiyimini elusizi kakhulu le.
Abantu balapho babekhala esimantshiyane bezibuza besithi, “Ingaba siza kuthini xa kunje?” “Zitshabalele zonke izityalo!” kukhala abalimi. “Amakhaya ethu avuthulukile!” babesitsho abantu abadala. Kwakubonakala ngathi akusayi kuphinda kulunge nto. Kusenjalo uJabulile wakhumbula nto ewayekhe wayixelelwa ngutata wakhe onobulumko.
Waqalisa uJabulile ukuthetha nabantu belali. “Bantu bakuthi, isaqhwithi siyasenzakalisa,” watsho, “ngenxa yohlobo esikhetha ukusibona ngalo. Jongani ngoku ilanga seliphinde lakhanya kwakhona. Yimini entsha, siyazibonela. Emva kwesaqhwithi kufanele ukuba kubekho umnyama!”
Ngoko nangoko kwavela umnyama omhle ngokungummangaliso esibhakabhakeni.
Abantu belali bawubona umnyama, baza baqala bancuma. Wawume njengophawu nesithembiso sokuba sasidlulile isaqhwithi.
Abantu belali bakha izindlu zabo kwakhona. Abalimi batyala izityalo ezitsha. Yakhula ingca, yaluhlaza nangakumbi kunangaphambili.
Kwabuya kwabakho ithemba nolonwabo kwakhona elalini yaseNgxingweni.

There must be a rainbow (IsiXhosa)