UTayo ungxamele ukufika
kukadadewabo omncinci.
Khawuleza Mama!
Mkhuphe esiswini sakho.
Kodwa uTinu akayiyo tu
le nto ibilindelwe nguTayo.
Ukhangeleka
engaqhelekanga.
Kwaye ngaphezu koko… Unuka kakubi!
Nyhwee! Nyhwe!
Uyangxola kakhulu, Mama!
UTinu akayeki ukukhala.
Tayo, kukho into
azama ukukuxelela yona.
Ucinga ukuba uthini?
Andazi,
utsho uTayo.
Uyazi, mna ndicinga
ukuba uzilambele nje.
Umama amtyise uTinu. Kodwa...
Nyhwe!
Nanko ekhala kwakhona uTinu.
Umtyisile nje, ngoku
usakhalela ntoni?
Kaloku ngamanye amaxesha,
iintsana zidinga nje...
UKUBHODLISWAAA!
Izihlobo nezizalwane zifuna
ukumbona, kodwa uTinu akakaze abe sendaweni enabantu abaninzi.
NYHWEEE!
Umama uthatha uTinu
aye naye ekamereni
apho kungekho ngxolo.
Ngokuye ixesha
lihamba, uTayo
ufunda ngezikhalo
zikaTinu ukuba
zithetha ukuthini na.
Kwaye akasabonakali
ehlupha kangako noko. Bade bayakwazi nokudlala kunye.
Hayi, Tinu. Iinqwelomoya zezokubhabha, azityiwa.
Kodwa ngamanye amaxesha,
uTinu uyakhala abe uTayo
engamazi ukuba ufuna ntoni.
UTinu ukhala imini yonke…
kanti nobusuku bonke.
Kutheni engayeki nje ukukhala?
Yima, yintoni leya?
Jonga Mama,
uTinu uvele izinyo
lakhe lokuqala!
Baby Talk Xhosa
Intetha kaBhabhana
Illustrator: Alex Latimer
Author: Sope Martins
Designer: Thokozani Mkhize
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Sebolelo Mokapela
Editor: Zanri Kritzinger