Indebe yemiqhathane mayiwe

UMicki nabahlobo bakhe, uLolo noUnathi, babefunda iincwadi zabo abazithanda kunene. “Ukuba nincedise uMicki ukuba aqoqoshe igumbi lakhe lokulala,” watsho uPrudence, “nonke niyakufumana imiqhathane nakuba nigqibile.” “HEKE!”
Kodwa baqhuba ngokufunda, bafundabafunda.
Bayeka ke ethubeni ukufunda baze baqoqosha igumbi likaMicki.
“Igumbi lam liqoqoshekile ngoku,” watsho uMicki. “Masihambeni siye kufumana imiqhathane.” Kodwa abantwana zange bamfumane ndawo uPrudence. Ngoko ke, basuka baya ekhitshini …
UMicki, uLolo noUnathi bafane bajama phambi kwendebe yemiqhathane eshelufini, bezibuza ukuba bangafikelela njani na kuyo.
Bathe ke bakhangela isitulo, baze babolekisana ngokukhwela kuso. Kodwa akakho namnye kubo owakwaziyo ukufika kwindebe yemiqhathane. “Umama wam ebeza kuthi yingozi le siyenzayo kuba singawa sonzakale,” watsho uLolo.
Wathi ke uLolo wakhwela emagxeni kaUnathi waze wolula iingalo zakhe, kodwa zange afike kwindebe yemiqhathane. “Utata wam ebeza kuthi yingozi le siyenzayo kuba singawa sonzakale,” watsho u-Unathi.
Bathe ke abantwana bakhangela intambo abanokurhintyela ngayo indebe yemiqhathane ukuze bayithobe ngayo. Kodwa nangoko zange bafike kwindebe yemiqhathane. “Umama wam ebeza kuthi yingozi le siyenzayo kuba indebe ingawela phezu kwethu, isenzakalise,” watsho uMicki.
“Nenza ntoni?” wabuza uJonathan kunye noSakhi. “Sizama ukufikelela kwindebe yemiqhathane,” watsho uMicki.
“Singaninceda thina koko,” batsho.
“Masityhale le tafile ukuze isondele eshelufini ze sikhwele kuyo,” watsho uJonathan. Kodwa nangoko, akakho kubo owafikayo kwindebe yemiqhathane.
“Masiphose ibhola endebeni ze iyigile iwe phantsi ukuze iwe nemiqhathane,” watsho uSakhi. “Ewe!” watsho uLolo noJonathan. “Hayi!” watsho u-Unathi noMicki.
Ekugqibeleni, uMicki weza necebo …
Le yaba yindlela, abafikelela ngayo kwindebe yemiqhathane, bebonke!

The Biscuit Jar Must Fall (IsiXhosa)