UMicki nabahlobo bakhe, uLolo
noUnathi, babefunda iincwadi zabo
abazithanda kunene.
“Ukuba nincedise uMicki ukuba
aqoqoshe igumbi lakhe lokulala,”
watsho uPrudence, “nonke
niyakufumana imiqhathane nakuba
nigqibile.”
“HEKE!”
Kodwa baqhuba ngokufunda,
bafundabafunda.
Bayeka ke ethubeni ukufunda baze
baqoqosha igumbi likaMicki.
“Igumbi lam liqoqoshekile ngoku,”
watsho uMicki. “Masihambeni
siye kufumana imiqhathane.”
Kodwa abantwana zange
bamfumane ndawo uPrudence.
Ngoko ke, basuka baya ekhitshini …
UMicki, uLolo noUnathi bafane bajama
phambi kwendebe yemiqhathane
eshelufini, bezibuza ukuba
bangafikelela njani na kuyo.
Bathe ke bakhangela isitulo,
baze babolekisana
ngokukhwela kuso.
Kodwa akakho namnye kubo
owakwaziyo ukufika kwindebe
yemiqhathane.
“Umama wam ebeza kuthi
yingozi le siyenzayo kuba
singawa sonzakale,”
watsho uLolo.
Wathi ke uLolo wakhwela emagxeni
kaUnathi waze wolula iingalo
zakhe, kodwa zange afike kwindebe
yemiqhathane.
“Utata wam ebeza kuthi yingozi le
siyenzayo kuba singawa sonzakale,”
watsho u-Unathi.
Bathe ke abantwana bakhangela
intambo abanokurhintyela ngayo
indebe yemiqhathane ukuze
bayithobe ngayo.
Kodwa nangoko zange bafike
kwindebe yemiqhathane.
“Umama wam ebeza kuthi
yingozi le siyenzayo kuba
indebe ingawela phezu kwethu,
isenzakalise,” watsho uMicki.
“Nenza ntoni?” wabuza
uJonathan kunye noSakhi.
“Sizama ukufikelela kwindebe
yemiqhathane,” watsho uMicki.
“Singaninceda thina
koko,” batsho.
“Masityhale le tafile ukuze
isondele eshelufini ze sikhwele
kuyo,” watsho uJonathan.
Kodwa nangoko, akakho
kubo owafikayo kwindebe
yemiqhathane.
“Masiphose ibhola endebeni ze iyigile
iwe phantsi ukuze iwe nemiqhathane,”
watsho uSakhi.
“Ewe!” watsho uLolo noJonathan.
“Hayi!” watsho u-Unathi noMicki.
Ekugqibeleni, uMicki
weza necebo …
Le yaba yindlela,
abafikelela
ngayo kwindebe
yemiqhathane,
bebonke!
The Biscuit Jar Must Fall (IsiXhosa)
Indebe yemiqhathane mayiwe
Illustrator: Siya Masuku
Author: Nozizwe Herero
Designer: Nadene Kriel
Licence: Creative Commons Attribution 4.0
Website: https://bookdash.org/
Translator: Nal’ibali
Editor: Glynis Lloyd