![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/im-the-colour-of-honey_xh_20200710_cover.jpg)
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/1-1-1.jpg)
Ndingumbala wobusi
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/2-1.jpg)
Igama lam nguAmanda. Ndihlala noMama wam noTata wam kunye nenja yam uPorsha.
UTata wam uthi ndingumbala wobusi.
UMama wam uthi ndifana nobuhle bentshonalanga.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/3-1-1.jpg)
Kodwa andifani naye namnye kubo. NguPorsha kuphela ontsundu njengam!
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/4-2-1.jpg)
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/5-1-1.jpg)
Xa siphumile abanye abantu bayasiqwalasela, okanye basibuze imibuzo emininzi.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/6-1.jpg)
“Ingaba nguDadobawo wakho lo?” uyabuza umama osevenkileni.
"Hayi! nguMama wam!"
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/7-1.jpg)
“Ingaba nguTitshala wakho lo?” uyabuza utata osepakini.
"Hayi! NguTata Wam!"
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/8-1.jpg)
“Kutheni ungafani nabo nje?”
“Kuba ndingumbala wobusi ndaye ndifana nobuhle bentshonalanga.”
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/9-1.jpg)
“Kodwa uTata wakho ufana nesibhakabhaka ebusuku,” utsho umama osevenkileni.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/10-1.jpg)
“Waye uMama wakho umhlophe okwamaphepha angabhalwanga encwadini,” utsho utata osepakini.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/11-1.jpg)
“Kutheni nibonakala nohluke kangaka?”
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/12-1.jpg)
Ngosuku olulandelayo
ndisongela itawuli entloko ndize ndiyijiwuzisa njengoko uMama esenza ngeenwele zakhe.
“Ingaba nguDadobawo wakho lo?” uyabuza umama osevenkileni.
“Hayi, nguMama wam!”
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/13-1.jpg)
Ndiyabaleka ndigoduke ndithathe
ipeyinti emnyama. Ndiyiqabe ebusweni.
“Hayi, nguTata wam!”
“Uyiqabe kakuhle ipeyinti ebusweni!”
utsho utata osepakini. Ukhomba uTata
abuze, “Ingaba ngutitshala wakho lo?”
Iinyembezi zam zihlamba ipeyinti isuke.
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/14-1.jpg)
“Kutheni ndingafani nani mama notata?”
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/15-1.jpg)
“Amanda ndibonise olwaa ncumo olufana nolukaTata wakho.”
Andiziva ndifuna ukuncuma.
“Yhini wethu Amanda, jonga ituma
lakho. Lihle kakhulu lifana nelikaMama wakho!”
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/16-1.jpg)
UMama noTata bandenza ndincume. Ndaye nam ndiyabancumisa.
“Jongani!” nditsho, “Amazinyo am amhlophe njengawenu.”
“Ewe, nentliziyo yakho ibomvu njengezethu.”
![](https://read.shineliteracy.org.za/wp-content/uploads/2021/04/17-1.jpg)
I’m the Colour of Honey (IsiXhosa)
Ndingumbala wobusi
Illustrator: Caroline Faysse
Author: Maïmouna Jallow
Designer: Charné Casey
Licence: Creative Commons
Website: https://bookdash.org/